IPhepha lamaLungelo laBemi baKwaZulu Natala
INTSHAYELELO YINKULUMBUSO
NjengePhondo elinabantu abaninzi indinika ulonwabo into yokokuba iKwaZulu Natala ibe noxanduva lokukhokhela imvuselelo kaRhulumente oFanelekileyo neNguqulelo yenkonzo yoluntu. Soloko inolangazelelo malunga nokunika abantu iinkonzo nokubanika ithuba lokutxela ukuba iinkonzo mazinikezelwe njaqni. Xa ssisonke nabasebenzi bakarhulumente bonke kweli phondo senza isithembiso sokuyila imeko bume ecaciswa yinkqubo yobulunga beenkonzo. Oku kuqala ngokuphatha babemi bethi 'njengabaxhasi' kwaye oku kuthetha:
ukumamela izimvo zabo nokuzithathela ingqalelo xa kwenziwa izigqibo eziphathelele kwiinkonzo ekufuneka zinikezelwe;
ukubaphatha ngovelwano nangentlonipho;
ukuqinisekisa ukuba umgangatho othenjisiweyo nobulunga benenkonzo zisoloko zikungangatho ophakamileyo;
ukuphendula ngokukhawuleza nangovelwano xa umgangatho obuthenjisiweyo ungafezekiswanga
Ngokuhambisana nomThetho womGaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika we-108 owe-1996 ulawulo loluntu luya kucaciswa:
ngumgangatho ophezulu wemikhwa esesikweni yobugcisa;
ziinkonzo ezinikezelwa ngokungakhethe buso, ngobulungisa, ngokulingana nangaphandle kokuthatha icala;
zimeko eziphendulayo ejolise kwizidingo zabantu;
sisiseko sabaxhasi abathatha inxaxheba kunye nomelo, ukucaca nolaulo olunophuhliso
Lolu lwazi olubangela ukuba ndinikezele ngePhepha lamaLungelo laBemi baKwaZulu Natala. IPhepha lamaLungelo linika ubunkokeli kunye nendlela enobuchule kwabo bakwinkonzo yokunikezela ngeenkonzo kubemi baKwaZulu Natala, abangabaxhasi bethu. IPhepha lamaLungelo laBemi lichaza amanqanaba nemigangatho yeenkonzo apho wena njengommi uya kufikelela kwaye njengendlela yokulandelwa yokufuna uncedo ukuba ngaba le migangatho iyahlangatyezwa. IPhepha lamaLungelo likwanika iinkcukacha zabantu onokuqhagamshelana nabo xa ufuna ulwazi, ingcaciso yemibandela nokufaka izikhalazo xa kukho uimfuneko yoko. Kufuneka kubethelelelwe ekubeni indlela ekhgawulezileyo ingakukuqhagamshelana namagosa aphezulu kwiziko leeenkonzo apho uya kufumana ingxaki kunye namanye amaziko achongiweyo. Lonke olu lwazi luya kuboniswa ekungeneni kuwo onke amziko eenkonzo zikarhulumente
Onke amasebe kwiPhondo ukuquka oomasipala , izinto zoluntu ezifana namasebe esizwe amelweyo kwiphondo aya kuvelisa iPhepha lamaLungelo okuziBophelela kwiiNkonzo kunye noYilo lokuPhucula ukuNikezelwa kweeNkonzo (SDIP) ingakumbi kwiinkozo zawo ezingundoqo kusekelwe oku kwiPhepha lamaLungelo Njengoko linqumleza onke amasebe.
Inkolelo yam yeyokuba ukuba abantu bayakwazi abakulindeleyo, ixesha oko bakulindeleyo eliya kuzalisekisiwe ngalo nexesha lokufezekisa kokunikezelwa kwaye kugqithiswe koko bekulindelwe siya kuqalisa ukuyila intembeko kwimpumelelo nethemba kubemi bakwaZulu Natala.
Ndijonge phambili kulo mceli-mngeni uvuseleleyo nokucela wonke umsebenzi karhulumente ukuba ahlangane nam ekufezekiseni isivumelwano sethu nabantu
Oku kukuzibophelela kwethu kubulunga beenkonzo.
ISAYINWE
INGQIQO-SISEKO YOKUVELISA IPHEPHA LAMALUNGELO LABEMI
IPhepha lengxelo likarhulumente kwiNguquko yokuNikezelwa kweeNkonzo zoLuntu limisela izinto ezisibhozo ezibalulekileyo zeNguquko apho uguquko lokunikezelwa kweenkonzo zoluntu kungundoqo. Oku kungenxa yokuba inkonzo yoluntu yoMzantsi Afrika eguqukileyo iya kugwetywa ngenye yezi nqobo zisemgangathweni zingasentla: kukufaneleka kukunikezelwa kweenkonzo okufezekisa izidingo ezisisiseko zabemi boMzantsi Afrika. Ukunikezelwa kweenkonzo okuphuculweyo ngoko yinjongo yokugqibela yenkqubo yoguquko lweenkonzo zoluntu.
Urhulumente wakwaZulu Natala unakana ngaphezu kwayo yonke into umboniso wabo wethemba ngokuvotela urhulumente okhoyo. Abantu bephondo kwakho bazalisa imali yabo abayifumana nzima ngokunikela ngokwandisa kangangoko ingeniso karhulumente. Kungoko iyimali yabarholi-rhafu eyenza urhulumente abe nakho ukubhatala amatyala. Kungoko urhulumente ezibophelela ngokwezopolitiko, ngokwezoqoqosho nangokuziphatha ngokusebenzela abarholi-rhafu ngokukhutheleyo.
IPhepha lamaLungelo laBemi lichaza ukuba ZEZIPHi iinkonzo eziya kunikezelwa kwaye ziya kunikezelwa NJANI. Ugxininiso luya kuba kukuphuculwa kokusebenza nokufaneleka kweendlela apho iinkonzo kude kube ngoku bezinikezelwa ngazo.
Okona kubaluleke kakhulu kwaye ngePhepha lamaLungelo laBemi abemi bayamenywa ukuba bathabathe inxaxheba ekongameleni ukusebenza nokufaneleka ukuba kokuphi ukunikezelwa kweenkonzo okuphunyezwayo. Eli Phepha lamaLungelo likwachaza amanyathelo amawathathwe kwimeko yokunikezelwa kweenkonzo okulambathayo.
Amandla aqhuba ukuveliswa kwePhepha lamaLungelo laBemi ngala alandelayo.
Ugunyaziso lomthetho
UmGaqo-siSeko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1996;
UmThetho weNkonzo zoLuntu, 1994;
ImiThetho yoLungiso yemiThetho yeNkonzo zoLuntu, 1997/1998;
UmThetho woLungiso weNkonzo zoLuntu, 1998;
UmThetho woLawulo lweMali yoLuntu, 1999;
UmThetho woPhuculo woLawulo loBulungisa, 199;
Imithetho-siseko karhulumente efanelekileyo ephathelele kulungelelwaniso phakathi kweenjongo zoqoqosho nezentlalo kunye naphakathi kweenjongo zomnye nomnye kunye nezabantu bonke. Injongo yokugqibela kukukhuthaza uqeqesho lwemali olufanelekileyo, lwentlalo, lwemikhwa esesikweni nolwemeko bume.
Ululeko - ukuzibophelela kwamasebe ekubambeleleni kukuziphatha okunakwanwa jikelele kwaye okwamkelwa njengokuchenekileyo kwaye okufanelekileyo;
Ukucaca- inkululeko yabangaphandle yokuba nakho ukwenza ucazululo olunentsingiselo kwizenzo, kwiziseko zoqoqosho nakwimicimbi engenamali ephathelele kwisebe ngenxa yokubakho kolwazi oluyimfuneko , ukunikwa ngokuphandle, ngokuchanekileyo nangexesha;
Ukuzimela -ukuphathwa kweenkqubo zangaphakathi nezigqobo ezenziwe ngokungathathi icala ezivumela iimpembelelo ezingafanelekanga;
Ukumela izigqibo nezenzo ezithathiweyo;
Imfanelo- imfanelo yokubiza abantu okanye abameli bamaqela abafanelekileyo, ukuvumela isenzo sokolulekwa kunye/okanye isohlwayo sokwenza okungafanelekanga;
Ubulungisa/ukulingana- ukuvuma nokuhlonipha amalungelo amaqela awohlukeneyo;
Imfanelo yoluntu- ukuqonda nokuphendula imibandela yesimo sentlalo kwaye nokubeka ilungelo eliphambili lemigangatho yemikhwa esesikweni nokunakana imibandela yemeko bume neyamalungelo oluntu
Ukushwankathela urhulumente olungileyo ubonakalisa isixokelelwano sokuxabisa ukuchaneka komoya, ukuthambekisela kuvumelwano, kwintobeko, kuncedo, kubuntu, kukuthembeka nakukukholelwa kubulungisa babantu nakwintembeko engapheliyo ngenxa yenkolelo eyomeleleyo yobukho buThixo owazi izinto zonke, onaMandla onke noseziNdaweni zonke.
Eli Phepha lamaLungelo laBemi lihambisana nokuKhula kwePhondo neNdlela yoPhuhliso. IPGDS sisixhobo esizimanya namalungelo aphambili achongiweyo kunye nongqinelwano longenelelo oluhamba nawo olunokwenziwa. IPhepha lamaLungelo laBemi likhokhela inkonzo yoluntu yaKwaZulu Natala ekunikeni iqonga lokuqonqa amalungelo aphambili achongiweyo. IPGDS iphendula kwimiceli-mngeni yophuhliso lwephondo kwaye iPhepha lamaLungelo laBemi lithembisa ukuqhelanisa abasebenzi bakarhulumente babe yindlela yokunikezela iinkonzo kwiinzame zokoyisa imiceli-mngeni ejongene nephondo laKwaZulu Natala njengephondo lophuhliso.
UKUZIBOPHELELA OKUCHAZWE KWIMITHETHO-SISEKO YOKUNIKEZELA NGEENKONZO
Ekunikezeleni iinkonzo kubemi baKwaZulu Natala, abasebenzi bakarhulumente baya kukhokelwa yimithetho-siseko yeBatho Pele. Ngoko baya kuzibophelela koku kulandelayo:
UKUCEBISANA- Abemi baya kucetyiswa malunga nomgangatho nobulunga beenkonzo zoluntu abazifumanayo kwaye apho kunokwenzeka baya kunikwa ukhetho malunga neenkonzo ezinikwayo.
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo okucebisana alandelayo:
Amise imibutho yokucebisana efanelekileyo efanele iinkonzo ezinikezelwayo kunye nokujolisa isiseko sabaxhasi ngekota eyi-3rd yonyaka-mali wama-2005/2006
Avelise kwaye azalisekise izixhobo zohlolo eziya kusetyenziswa ekwenzeni uphando/uvavanyo lokwanela komxhasi kumsebenzi, kumgangatho wamasebe nakwimigangatho yephondo. Kumgangatho wephondo uuphando luya kwenziwa unyaka ngonyaka ngoJulayi ukuqalela ngowama-2006/2007, kunye
Nolungiselelo lweengxelo zekota, zesiqingatha sonyaka nezonyaka eziphicothwa luluntu, iijenali zesebe neengxelo zemiboniso ezindleleni
IMIGANGATHO YEENKONZO - Abemi baya kuxelelwa ukuba ngowuphi umgangatho nobulunga weenkonzo zoluntu abaya kuzifumana ukuze bakuqonde oko kufuneka bekulindele. Le migangatho iya kumiselwa kwinqanaba elifuna ukuba kuxelwe izinto njengokuba zinjalo.
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo emigangatho yeenkonzo:
Ukuphuhlisa nokuzalisekisa iPhepha lamaLungelo okuZibophelela kwiNkonzo nakwiNkqubo yokuPhuculwa kokuNikezelwa kweNkonzo ngemigangatho yenkonzo ezifanelekile nesemxholweni kunye nenxalenye efezekileyo yenkqubo yoYilo loBuchule bokuPhatha imiCimbi kwaye ehambisana nePhepha leNgxelo likaRhulumente kuGuqulo lweNkonzo yoLuntu kunyaka-mali wowama-2005/2006;
Ukuthobela okuli-100% nesikhokelo semithetho yolawulo;
Ukuthobela ukuli-100% kwesebe- ingakumbi umthetho nemigaqo;
Ukunikezelwa kwazo zonke iinkonzo ezithenjisiweyo kuyilo lorhwebo oluvunyiweyo nakuqingqo-mali olwabelwe unyaka-mali ngamnye, kwaye
Ukwenza ngokwemigangatho emiselweyo kuya kuphonononga umnyaka ngomnyaka kwaye njengoko imigangatho ifezekisiwe ize inyuswe unyaka ngonyaka
UKUFIKELELA- Bonke abemi baya kuba nofikelelo olulinganayo kwiinkonzo abanelungelo kuzo.
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo okuphucula ufikelelo:
Ukuphuhliswa kobuchule obenza kube lula ukunikezelwa kweenkonzo kwaye obu kufuneka kuqukwe kuyilo lobuchule bonyaka wama-20owunela 05/6;
Ukumiswa kweziko lokufowunela lePhondo eliya kusebenza njengesango lweenkonzo zoluntu KwaZulu Natala ngekota yokugqibela yonyaka-mali wowama-2005/6;
Ukumiswa kwamaziko eenkonzo 'endawo enye' ngamasebe kwiminyaka emi-3-5 elandelayo;
Ukwandisa ufikelelo kuwo onke amaziko eenkonzo kubaxhasi abakhubazekileyo ngoDisemba wowama-2006;
Uphuculo jikelele lokuphathwa kwabemi kwiindawo zofikelelo zomsebenzi wokunikezelwa.
IMBEKO/UBUNENE- Abemi baya kuphathwa ngembeko nangovelwano
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo okubonisa imbeko kubaxhasi:
Ukusasaza ulwazi, ukuyila ingqiqo nokubamba iintlangano zokwabelana ngolwazi kuMmiselo wokuziPhatha weNkonzo yoLuntu kubasebenzi bonke bakarhulumente abaphambili ukuqalela ngoJanyuwari wowama-2006;
Ulungiselelo loqeqesho ngokwahlukana ngokwenkcubeko kubo bonke abasebenzi bakarhulumente ukuqalela ngoJanyuwari wowama-2006;
Uqeqesho labamkeli phambi kokuba babekwe kwiindawo zokwamkela;
Impendulo yembalelwano kwiintsuku ezintathu zokusebenza;
Impendulo ekhawulezileyo yembalelwano, kunye
Nokuphucula ulwalamano loluntu, ummiselo wokuziphatha, indlela yokunxiba kunye nemimiselo yokuziphatha yefowuni;
ULWAZI-Abemi baya kunikwa ulwazi olupheleleyo noluchanekileyo malunga neenkonzo zoluntu abanelungelo lokuzifumana.
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo okuphucula ukuvela kolwazi:
Ukupapasha iziphumo zophando lokwanela komxhasi lweenyanga ezi-3 emva kokuba lwenziwe;
Ukuthetha nabemi kulwimi ummi ngamnye aya kuluqonda kwintsebenziswano nabasebenzi abaphambili;
Ukusetyenziswa kwezixhobo ezibonwayo ekusasazeni ulwazi (iifoto, imifanekiso, kunye nemiqondiso) ukuze kuthintelwe imiqobo yolwimi nobuchule bokubfunda npokubhala, kunye
Nokwazisa uwonke wonke ngempembelelo "Yazi amalungelo akho" njengenxalenye yePhepha lamaLungelo laBemi. Impembelelo iya kwenziwa kwiinyanga ezintandathu zokuqala emva kokwamkelwalwePhepha lamaLungela laBemi eliya kuhamba kunye nokudlula kwePhepha lamaLungelo laBemi.
UBUPHANDLE NOKUCACA - Abemi baya kunikwa ulwazi ngendlela izahlulo zikarhulumenete ezisebenza ngayo , oko kukuthi urhulumente wesizwe, wephondo nowasekhaya namanye amasebe awohlukeneyo kunye neendleko zeenokonzo ezinikiweyo.
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo obuphandle nokucaca:
Ukungeniswa nokupapashwa kweengxelo zonyaka zamaSebe kubameli bamaqela abafanelekileyo ngoNovemba 2005. Ingxelo yephondo iya kupapashwa ngoDisemba ngowama-2005. Esi senzo siya kuqhubekeka minyaka le;
Iingxelo zeNkqubo yoPhuculo yokuNikezelwa kweNkonzo iya kuquka inkqubela-phambili ngokoyilo lorhwebo, uqingqo-mali olusetyenzisiweyo kunye nobukhulu bokuqwalaselwa kwemithetho-siseko yeBatho Pele.
Ukuthobela okuli-100% lomThetho woPhuculo wokuFikelela kuLwazi, kunye
Nokwenza kubekho iinkcukacha amagosa afanelekileyo.
UKULUNGISA: UKUSEBENZA NGEZIKHALAZO: Ukuba umgangathpo othenjisiweyo wenkonzo awunikezelwa , abemi baya kunikwa isingxengxezo, ingcaciso epheleleyo kunye nokulungiswa okufanelekileyo nokukhawulezileyo. Xa isikhalazo sisenziwa abemi baya kufumana impendulo eyakhayo nenovelwano.
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo okuphatha izikhalazo:
Ukusombula iingxaki/izikhalazo ngamaxesha amisiweyo;
Inkqubo yezikhalazo kwiwebhusayithi ngoDisemba wowama-2005; kunye
Namaqela aphambili omsebenzi abonise ukuba basicazulule kwaye basebenzisa izikhalazo esenziweyo ukuphucula ukunikezelwa kweenkonzo - ngokuzingileyo.
IXABISO LEMALI - Iinkonzo zoluntu ziya kunikezelwa ngokoqoqoqsho nangokufanelekileyo ukuze kunikwe abemi ixabiso elingcono lemali.
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo ukuqinisekisa ixabiso lemali:
Ukunikezelwa kweenkonzo ngokuphathelele kuyilo lorhwebo oluvunyiweyo nakuqingqo-mali olwabelweyo - kunikwe ingxelo kwingxelo yonyaka, kunye
Ukuchonga imisebenzi/ ukwenza izinto ezintsha ezinxulumene neendlela zokonga iindleko eziya kuqukwa kwiingxelo zeekota nezonyaka.
UKUKHUTHAZA UKWENZA IZINTO EZINTSHA NOKUVUZA UBULUNGA - Amasebe aya kuqinisekisa imeko bume encedayo ekunikezeleni iinkonzo ezifanelekileyo.
Onke amasebe kufuneka azibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo okukhuthaza ukwenza izinto ezintsha nobulunga bomvuzo - iinkokeli kufuneka zenze inkqubo:
Ukukhuthaza ukwenza izinto ezintsha nesiphiwo sokuyila;
Ukunakana nokuvuza ukwenza;
Ukuchonga iindlela ezintsha zokuvuza ubulunga
Ukugcina irekhodi leqela leminikelo eyenziweyo ( iingcinga, iingcebiso, ukungeniswa kwezinto ezintsha) ngumsebenzi ngamnye nendlela oluthe uninzi lwazalisekiswa ngayo kunye nempembelelo yoko, kunye
Nonxulumano nolungiselelo lwamaBhaso oBulunga beeNkonzo zeNkulumbuso
IMPEMBELELO YOKUNIKEZELWA KWEENKONZO
AmaSebe aya kulinganisa kwaye anike ingxelo njalo esebenzisa isambuku sonke zeziqalo zeBatho pele kwaye impembelele yeBatho Pele esekelwe kukunikezelwa kweenkonzo kubomi babemi baKwaZulu Natala, kwiminyaka emithathu yokuqala ize emva koko kwiminyaka emihlanu.
UBUNKOKELI NOLAWULO OLUNOBUCHULE
Zonke iinkokeli kumqookozo wokunikezelwa kweenkonzo ziya kunika ulawulo, ziyile ulungelelaniso/umanyano, zibandakanye isitafu, ziyile ulwahlulelwano olufanelekileyo kwaye zibonise imikhwa esesikweni neengqobo ezisemgangathweni ezifanelekileyo.
Zonke iinkokeli kufuneka zizibophelele kula malungiselelo matsha alandelayo okuphuhlisa ubunkokeli:
Ukwenza nokupapasha uyilo lobuchule, olulungelelanisiweyo, olula, olufanelekileyo kwaye olujolise kumxumi ekupheleni kukaDisemba 2006;
Ukuvelisa iinkqubo apho iinkokeli zifumana ingxelo kwabangaphantsi kuzo, kubalingane, kwizikhulu nakuxhasi kwisimbo sabo sobunmkokeli kwaye zibe nezakhono zokuphatha impixano, izakhono zonxibelelwano, zokukhuthaza, zokwenza izigqibo nezobuntu.
UKWENZA IBATHO PELE IBE YINTO EKHOYO -"Xa sisonke sibetha igubu lobulunga beenkonzo."
Igubu ngumqondiso wase-Afrika onamandla onesingqi kunye neempawu zokuzala ludla mko, imigangatho ephezulu yokuzibophelela, ulangazelelo, amandla, nokuvumaukwenza. iinkokeli kwisebe ngalinye linemfanelo yokuqiniseka ukuba iBatho Pele yinto ekhoyo ngoku:
enze nzulu ingqiqo yazo neyamalungu esitafu malunga neBatho Pele njengomgaqo obalaseleyo wokunikezelwa kweenkonzo zikarhulumente ofanele inkxaso nokuzalisekiswa;
yila imvuseleleko , nobutsha-ntliziyo nengqiqo engcono ngokuphathelele kwinkqubo nokuthatha isenzo zokuhlangeneyo ngokukhawuleza ekunikezelweni kwenkonzo ezifanelekileyo nezilungileyo;
phinda baqhelanise isitafu nabameli bamaqela kukubaluleka kobulunga beenkonzo;
quka uqeqesho lwenkathalo yesitafu sonke kuYilo lweZakhono zeNdawo Yokusebenza yamaSebe ngonyaka nokuqinisekisa ukuba kukho uqeqesho oluzingileyo lwesitafu esiphambili emsebenzini;
quka imithetho-siseko yeBatho Pele enxulumene noyilo lokusebenza , amaPhepha amaLungelo okuZibophelela kwiNkonzo, iiSDIP kunye noqeqesho lwenkathalo yomxhasi kwiinkqubo zokungeniswa kumasebe; kunye nokuhlaziya imithetho-siseko yeBatho Pele ngokwabelana ngezimvo, ngongenelelo lokutshintsha inkcubeko, ngemibutho, ngeenkqubo zokungeniswa noqeqesho nenkqubo yokuphicotha iincwadi.
Umbutho iBatho Pelew wamiswa phantsi kobunkokeli bukaMongameli Jikelele ukwenza kube lula ukwabelana ngemisebenzi/ngobuchule obungcono malunga nokuyila iinkozo zoluntu ezijolise kubantu neziqhutywa ngabantu ezicaciswa ngummiselo owomelelelyo wemikhwa esesikweni kunye nesixokelelwano seenqobo ezisemgangathweni ezifanelekileyo. Uguqulo lweeNkonzo zoLuntu ezilisebe le-ofisi yeNkulumbuso ziya kulawula amanyathelo okuqalukususela kunyaka-mali wowama-205/2006.
Iinjongo zokuqala zoMbutho zezi:
Ukulungelelanisa ukuzalisekiswa kwamaPhepha amaLungelo okuziBophelela kwiNkonzo nakwiNkqubo yokuPhucula ukuNikezelwa kweNkonzo kwiPhondo laKwaZulu Natala;
Ukunika inkonzo yengcebiso kumasebe ephondo ngokuphathelele kukutolikwa nokwenziwa kweemfuno zoguqulo nemithetho-siseko yeBatho Pele;
Ukunika iqonga apho amasebe angabelana ngamabali wawo empumelelo kunye nobuchule/msebenzi obungcono nokwazisa uwonke wonke ngazo;
Ukulungelelanisa iziqalo zoguquko ezicebisa amasebe kwiinkqubo ezifanelekileyo nezisebenzayo;
Ukugcina ulwazi kwindawo ekugcinwa kuyo imibandela yonke enempembelelo kuguquko kwiphondo ngenjongo yengxelo okanye yokusetyenziswa lisebe njengomthombo wolwazi;
Nokunakana ubulubga kumgangatho wephondo ngokulungiselela nokulawula isehlo samaBhaso oBulunga eNkonzo zeNkulumbuso
OKULINDELWE KWISEBE NGALINYE LEPHONDO NELASEKHAYA
IMBONO NOKUHANJISWA
Njengoko sele kuchaziwe yiNkulumbuso ebekekileyo kwitshayelelo/kwisingeniso onke amasebe aya kuvelisa amaPhepha wawo amaLungelo okuziBophelela kwiNkonzo asekelwe kwizikhokelo ezimiselwe kwiPhepha lamaLungelo laBemi. Oku kuya kuchonga;
iv Amancedo anxulumene neenkonzo ezinikwayo;
a Ukucebisana b Imigangatho yeenkonzo c Ukufikelela d Imbeko e Ulwazi f Ubuphandle nokucaca g Ukulungisa nokuphatha izikhalazo h Ixabiso lemali i Ukukhuthaza ukwenza izinto ezintsha nokuvuza ubulunga j Impembelelo yokunikezelwa kweenkonzo kunye k Nobunkokheli nolawulo olunobuchule vi Imigangatho yeenkonzo, vii Ukusebenza ngemibuzo kunye nabantu abanokuqhagamshelwa
UKUBEKA EMGANGATHWENI JIKELELE
Iya kuba yinxalenye yesebe ngalinye kwiphondo ukubambelela kwizikhokelo jikelele ezichazwe ngasezantsi. Kuya kuthatha ulawulo lwephondo malunga neenyanga ezintandathu ukwazi uwonke wonke ngePhepha lamaLungelo nokubandakanya uluntu kwimpembelelo enkulu "yazi amalungelo akho'.Ukwazisa uwonke wonke ngePhepha lamaLungelo kuya kuhamba kunye nokuniezelwa kweenkonzo njengoko kuthenjisiwe.
Oku kungezantsi kulandelayo kulapho amasebe aya kuhlolwa, oko kukuthi ayenza okanye awenzi:
Iikhawuntala zoncedo zimisiwe kuzo zonke iindawo zokunikezelwa kwiinyanga ezintandathu emva kokumiselwa;
Bonke abasebenzi/isitafu kufuneka zinxibe iilebhile zezazisi;
Amaziko eefowuni kufuneka amiswe kwiinyanga ezintandathu;
Ifowuni iphendulwa kwimizuzwana emithandathu;
Amagosa ayazama ukunciphisa ixesha elichithiweyo kwifowuni - ubuninzi bemizuzu emithathu umnxeba ngamnye uya kuba ngumgangatho wesikhokelo jikelele;
Amagosa aya kuzichaza kunye nee-ofisi/amasebe wawo xa ephendula iifowuni;
Amagosa aya kunika uncedo kunye okanye abhekiselele umbuzo kwisebe/kwicandelo elifanelekileyo xa kuyimfuneko;
Amagosa aya kuthumela imiyalezo ngaphandle kokulibazisa okungeyomfuneko;
Amagosa aya kuphendula kwizithembiso ezenziwe kubaxumi kwiintsuku ezi-3 zokusebenza;
Amagosa aya kuphendula kwimibuzo nezikhalazo ezibhaliweyo kwiintsuku ezi-5 zokusebenza ukususela mhla bazifumana;
Amagosa aya kuphendula kwizikhalazo zefowuni kwiintsuku ezi-4 zokusebenza;
Amagosa aya kuphendula kwizikhalazo zombane kwiintsuku ezintathu zokusebenza;
Iiwebhusayithi zephondo nezamasebe ziya kuphuculwa njengemfuneko kwaye
Nengcaciso ziya kunikwa, izingxengxezo zandiswe nesenzo sokulungiswa zenziwe yi-ofisi okanye isikhululo esisebenzayo esibandakanyekayo.
I-OFISI YENKULUMBUSO
Imbono ye-ofisi yeNkulumbuso " kukuba liziko elizele ludlamko elinobuchule likarhulumente KwaZulu Natala". Lisebenza njengeziko lolungelelwaniso lukarhulumente.
I-Ofisi yeNkulumbuso iya kuphucula amalungelo oluntu kwiphondo ngogqalisela a kumaqela anokwenzakala oko kukuthi abafazi, abantu abakhubazekileyo, abantu abadala, abantwana kunye nolutsha ngokumisa imiButho yamaLungelo oLuntu kwiphondo lonke ukuqalela ngoFebruwari wowama-2006;
b amalungelo oluntu enkcubeko, owolwimi nawenkcubeko kunye nokulondoloza nokulawula ubutyebi belifa lenkcubeko. IKomiti eQuquzelayo isebenza kwimibandela yenkcubeko, yolwimi neyenkolo iya kumiselwa ngokusesikweni ekupheleni kukaNovemba ngowama-2005 kunye c nokuthelekisa ulwazi olufanelekileyo oluya kunceda ekufezekiseni ukuthatha inxaxheba kwamaqela anokwenzakala kwizinto ezibalulekilayo KwaZulu Natala, umzekelo, iiNkqubo zoMsebenzi kaRhulumente owandisiweyo, iinkqubo zokufunda nezentsebenziswano,ekupheleni kukafebruwari wowama-2006
Ukunceda ngokuzingileyo nokulungelelanisa ukomelezwa kwentsebenziswano karhulumente nokunikezelwa kweenkonzo kuyo yonke imigangatho yephondo kunye nokongamela nokuvavanya ukwenza xa kukonke kukarhulumente ngokobunjani bento okumiselweyo;
Ukuqinisekisa ukuba onke amasebe avelisa iingxelo ngekota ezithi ziphicothwe luluntu;
Ukunyusa njalo iPhepha lamaLungelo lePhondo elicaciswa luphuhliso kwiphondo nakwisizwe ukuze iPhepha lamaLungelo liqhubekeke ukuba sisixhobo esithembekileyo sibonise abemi bephondo amalungelo wabo kunye neendawo ezikhyo zokuphatha imibandela yokunikezelwa kweenkonzo
Ukuqinisekisa ukuba uphando lokwaneliseka komxhasi ngonyaka luyenziwa 'kwiinkonzo zoluntu' kwaye iveki ibekelwa bucala minyaka le apho abasebenzi bakarhulumente bafuna ukuba abemi baphawule malunga nokwenza kwabo. Le misebenzi ijolise ekwandiseni unxibelelwano nokuqonda phakathi kukarhulumente nabemi kunye nokuqinisekisa uphuculo oluzingileyo lokunikezelwa kweenkonzo kunxumi;
Ukukhokela impembelelo yokuThintela uRhwaphilizo neNkohlakalo. UBuchule boLawulo loRhwaphilizo neNkohlakalo luya kube selumisiwe ekupheleni kukaMatshi wowama-2006. Oku kuya kulungelelaniswa nempembelelo ehlangeneyo neCandelo lokuPhicothwa kweeNcwadi langaphakathi kwisebe lezemali lePhondo. Eminye imisebenzi enxulumene nenkohlakalo norhwaphilizo njengokuhlaziya isixokelelwano sokuhlawulwa kwemivuzoukuhlambulula isixokelelwano sabasebenzi abangekhoyo;
Ukuphuhlisa nokulungelelanisa impendulo eyandisiweyo kwaye ehlangeneyo kubuhlwempu, kwiHIV/AIDS, nokusebenza kunye kweSebe lezeMpilo neleMfundo;
Ukuqinisekisa ukuba ubuChule bokuPhuhlisa iCandelo ngemiCimbi yabantu lephondo liyagqitywa kwaye liyasebenza ekupheleni kukaDisemba wowama-2005. Iintlangano zokwabelana ngolwazi kumgaqo nobuchule ziyabanjwa ukususela ngoSeptemba wowama-2005;
Ukulungelelanisa minyaka le uVuselelo lwe-Afrika/uMahlulelane omtsha weNkomfa yoPhuhliso lwe-Afrika olufuna ukuhlola isikhokelo sokubandakanya uphuhliso lwamanyathelo okuqala neenkqubo KwaZulu Natala. Le yinxalenye ebanzi yenkqubo yesizwe neyelizwekazi. Le nkomfa ifuna ukuqhubela phambili umahlulelane ofanelekileyo phakathi kukarhulumente nabantu baKwaZulu Natala kunye nentsebenziswano yawo onke amacandelo anomdla KwaZulu Natala, eMzantsi Afrika kwaye azingca ngobu-Afrika;
Ukongamela nokuphuhlisa iZiko lweziXhobo zokuSasaza ezininzi apho inyathelo lokuqala eliyinxalenye yenzame yokwakha kwakhona umfanekiso woBukumkani bakwaZulu liqale ngo-Agasti nwowama-2005, kunye
I-OFISI YENKULUMBUSO: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
EZOLIMO NEMICIMBI YEMVELO
Ilungu leSebe loMbuso elilawulayo lweZolimo nemiCimbi yezeMvelo
Imbono yeSebe leZolimo nelemiCimbi yezeMvelo "kuvuselela amandla akhoyo ezolimo nokwandisa uzinzo lommandla" KwaZulu Natala.
Eli sebe liya kusebenzisa amagunya alo ukukhulisa amandla akhoyo ezolimo abanzi ePhondo kunye nokongamela ukhuseleko lommandla. Isebe liya kuhlola ngokuzingileyo ukwenza kwalo ngokwekota ukumisela eyona nkqubela-phambili yalo ekufezekiseni ezi njongo zilandelayo ekupheleni kukaMatshi wowama-2006 ngokwemilinganiselo yeBalanced Scorecard:
Icandelo leZolimo liya kuphucula ngokuzingileyo ukhuseleko lokutya kwaye liqinisekise imveliso yezilimo ezinexabiso eliphezulu lezondlo;
kuxhasa lize liphuhlise ubuchule bamafama ali-1925 ubuncinane ekupheleni konyaka-mali wowama-2005/2006;
kuxhasa ushishino lolimo oluqikelelwa kubantu abangama-240 kulimo lomhlaba, kubunjineli nokulondoloza umhlaba ekupheleni konyaka-mali wowama-2005/2006;
kuphucula ushishino lolimo nokuxhobisa uluntu ngokuphathelele kuphuhliso lwezolimo ekubeni kuxhaswa ukuphuhliswa koRhwebo oLuncinane olusakhasayo kunye naPhakathi (SMMEs) kunye nokuphucula amathuba okudala imisebenzi;
Ukukhulisa impilo, imveliso, uphuhliso nentlalo-ntle yezilwanyana ukuqinisekisa ukhuseleko olufanelekileyo, ukulawula nokuphelisa izifo zezilwanyana ezibaluleke ngoqoqosho kwaye ezizizonetiki. Iinkonzo zemfuyo ziya kuqinisekisa ukuba amancedo okuxhela ali-1000 ubuncinane aya kuhlolwa ngonyaka-mali wowama-2005/2006 kunye
Nokomeleza ulawulo ngokuphathelele kwezolimo nokuququzelela ukuthatha inxaxheba efanelekileyo koluntu
Kuqinisekisa ukugcina impiliso konxweme kwiindawo ezi-6 ngoMatshi wowama-2006 njengenxalenye yorhwebo lolwandle kunye nenkqubo yokulawula unxweme;
Ukuququzelela ukudanjiswa kwemepelelo kummandla eya kuphucula uphuhliso olugciniweyo kunye nokhuseleko, nommandla ophilileyo nogcinakeleyo;
Ukuzalisekisa iNkqubo yokuLawula iziTyalo zamanye amazwe zePhondo ngonyaka-mali wowama-2005/2006 oluya kuqhubekeka iminyaka emihlanu elandelayo ( iphulo leminyaka emihlanu);
Abongameli bobulunga bomoya basebenza ngokupheleleyo kwiindawo ezintlanu zephondo ukususela ngoJuni wowama-2005; kunye
Nokomeleza ukulawulwa kwemvelo nokuququzelela ukuthatha inxaxheba efanelekileyo yoluntu
EZOLIMO NEMICIMBI YEZEMVELO: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
UBUGCISA, INKCUBEKO NOKHENKETHO
Ilungu leSebe loMbuso olawulayo lezoBugcisa, iNkcubeko noKhenketho
Imbono yeli Sebe lobuGcisa , leNkcubeko noKhenketho "kukuxhobisa ngezobugcisa, ngenkcubeko nezokhenketh" kwaye ngoko linamagunya okuphucula nokuqonda ukwahlukana kwenkcubeko nobugcisa.
Isebe lizibophelela ekomelezeni ulawulo ngokuphathelele kwiinkonzo elizinikayo nokuququzelela ukuthatha inxaxheba efanelekileyo yoluntu ekufezekiseni ezi njongo zilandelayo ngoMatshi wowama-2006:
Ukunika iinkqubo zoqeqesho namancedo okuphuhlisa ukuziphatha ngamanyathelo okuqala okuthatha inxaxheba kwinkcubeko ukuquka ulutsha, abafazi nabo bakhubazekileyo;
Ukunceda imibutho yenkcubeko neyobugcisa ukuphucula, ukuphuhlisa nokugcina inkcubeko ukuze kuzuze abemi. Oku kuya kwenzeka ngeenkqubo zophuhliso ezigciniweyo ezifana nokurekhodisha imisebenzi yobugcisa, imiboniso nemisitho;
Ukuphucula ukufikelela kukawonke wonke kulo lonke uluntuy ngokwakha, ngokunyusa, ngokuxhobisa nokusebenzisa amathala eencwadi oluntu neendawo zokulondoloza izibhalo ezibalulekileyo; kunye
Nokubonelela uphuhliso lokhenketho neenkqubo zenkxaso ukuvumela uluntu obeluvinjwe amathuba ngaphambile nokuvelisa abarhwebi abanokungena kushishino lokhenketho.
Njengoko ezi zinikezelwa ngokuzingileyo kuya kwenziwa uhlolo ngekota nangesiqingatha sonyaka ukuvavanya impumelelo yazo.
UBUGCISA NENKCUBEKO: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
i-imeyile:
UKHUSELEKO LOLUNTU NOMANYANO
Ilungu leSebe lombuso olawulayo lezoThutho, uKhuseleko loLuntu noManyano
Imbono yeli Sebe loKhuseleko loLuntu noManyano "Zinkonzo zamapolisa eziguqukileyo, ezizinikeleyo nezilawulwa yintando yesininzi ngakummandla onoxolo wabantu baKwaZulu Natala.
Eli sebe lizibophelela ekuzalisekiseni amanyathelo ukuqinisekisa ukhuseleko lwabemi baKwaZulu Natala ngoku:
nika ubongameli bomntu ongekho mkhosini obufanelekileyo kwiinkonzo zamapolisa KwaZulu Natala;
ngamela ukunikezelwa kweenkonzo nokuthotyelwa komgaqo wesizwe ziiNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika ngokumema, ngokuhlola nokulungisa izikhalazo ezinxulumene nokunikezelwa kweenkonzo yiNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika ngesiqingatha sonyaka;
ququzelela ungenelelo olujolise ukuphucula ingxoxo yoluntu. Amagosa amapolisa ali-1679 kunye nabantu abangekho mkhosini abangama-73 baya kuqeshwa yiSAP ekupheleni konyaka-mali wowama-2005/2006;
miswa kwimibutho yokugcina ucwangco yoLuntu kuwo onke amaZiko eeNkonzo zoLuntu kwiphondo;
phuhlisa nokuzalisekisa iinkqubo zokuthintela ulwaphulo-mthetho lwentlalo ukuphendula kwizito zokhuseleko ezibalulekileyo zoluntu; kunye nokuphuhlisa iinkqubo zokuxhasa ezizodwa zamaqela anokwenzakala kwiphpondo njengegalelo lesebe lokuphucula nokuphumeza ukuxhotyiswa kwamaxhoba.
Iingxelo ngokwenziweyo nobuchule besebe ukuphendula kwizikhalazo zabemi ziya kunikwa kwisiqingatha sonyaka.
Isebe lizibophelela ekomelezeni ulawulo ngokuphathelele kwiinkonzo elizinikayo nokuququzelela ukuthatha inxaxheba efanelekileyo yoluntu.
UKHUSELEKO LOLUNTU NOMANYANO: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
UPHUHLISO LEZOQOQOSHO
ILungu leSebe loMbuso elilawulayo loPhuhliso lezoQoqoqsho nezeMali
Imbono yeSebe loPhuhliso lezoQoqosho "Kukuqinisekisa ukuba iKwaZulu Natala iba noqoqosho olunempumelelo nolunokhuphiswano kwilizwe jikelele kwaye egcina amacandelo eenkonzo nowoshishino anamandla ezicaciswa bubulunga bemigangatho yeenkonzo nomgangatho ophezulu wengqesho ,ukunyusa ubulunga bobomi kunye nommandla woqoqosho oxhasa ukuxhotyiswa nokuyila ubutyebi babo bonke.
ukwandisa ukuthatha inxaxheba yabantu ababevinjwe amathuba ngaphambili ngphuhliso nophuculo lwentsebenziswano. Ngonyaka-mali wowama-2005/2006iimanyano zamashishini ezingama-2000 ziya kuzinziswa kwaye kuyilwe malunga nemisebenzi engama- 20000;
ukunika imali amaphulo angama-30 ubuncinane kwisithili ngasinye sikamasipala ngeNkqubo iGijima KZN- yasekhaya yoPhuhliso loQoqosho;
ukuzalisekisa amaphulo amane axhasa urhwebo, imveliso, ubuchule beshishini kwimveliso yomthi, icandelo lempahla, impahla elukiweyo nelobugcisanomsebenzi wobugcisa apho amagcisa angama-300 baya kuxhaswa; kwaye kuvulwe amasebe abeNzeli kuPhuhliso loRhwebo olusakhulayo angama-30 ngonyaka-mali wowama-2005/2006 ikuzo zonke iindawo zephondo kwaye zinika inkxaso ethe ngqo ekuveliseni abarhwebi.
Ukuvela kunye nabo baya kuba ngabarhwebi baya kukhuthazwa ngokunika ingxelo kwisebe ngokuphathelele kwiinkonzo ezinikwa lisebe
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
EZEMFUNDO
ILungu leSebe lombuso oLawulayo leMfundo
Imbono yeSebe leMfundo lelabemi abafundileyo nabanezakhono abanobuchule bokuthatha inxaxheba kuzo zonke iinkqubo zedemokrasi nokuba negalelo kukukhula nakuphuhliso lwabantu baKwaZulu Natala.
ISebe lifuna ukuqinisekisa ulwawulo olufanelekileyo lwesixokelelwano esibanzi semfundo ukuze kwande amathuba emfundo kubo bonke abemi bephondo. Ukufikelela kubulunga bemfundo ngundoqo wokuphucula iimeko zoqoqosho-ntlalo kuninzi lwabantu baKwaZulu Natala.
Ngokuphathelele koku abantu bangalindela ukuba isebe:
Linike ukufundisa okunentsingiselo kuzo zonke izikolo neekholeji;
Liqinisekise ulawulo olufanmelekileyo nolunentsingiselo kuwo onke amaziko emfundo nee-ofisi;
Liqinisekise ukuziphatha okusesikweni nangobugcisa zizo zonke iitsitshala, isitafu esixhasayo kunye noomanejala,
Liqhubele phambili ukubeka amanyathelo awaneleyo ukuqinisekisa ukhuseleko lootitshala nabafundi ezikolweni nasezikholejini;
Liqhubele phambili ukunika abafundi amagumbi okufundela akhuselekileyo, izindlu zangasese namanzi acocekileyo, kwaye kuqaliswe ngamagumbi okufundela ali-1500 kunye nezindlu zangasese ezingama-2500 ngowama-2005/6;
Linike ispondlo kubantwana bonke abakwizikolo zamabanga aphantsi kwezona zikolo zingama-40% ezihlwempuzeke kakhulu ukususela ngoSeptember wowama-2005;
Linceda abazali babantwana abangama-20% ezikolo ezihlwempuzekileyo ababhatala imali yesikolo ukususela ngonyaka wesikolo wama-2007; kunye
Landise inani lamaziko eekholeji zeMfundio noQeqesho oluQhubekayo kwiindawo ezihlwempuzekileyo, kwaye kuqaliswe ngokwakhiwa amaziko amatsha asixhenxe kunyaka-mali wowama-2005/2006.
IMFUNDO: Ulwazi
ISebe eliyiNtloko:
UGqirha C. Lubisi
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
EZEMPILO
Ilungu leSebe loMbuso Olawulayo
Imbono yeSebe lezeMpilo "kukufezekisa esona simo sempilo siungileyo kubo bonke abantu baKwaZulu Natala."
ISebe liya kuqhubekeka ukulawula ngokufaneleikeyo isixokelelwano sempilo esibanzi sePhondo. Ekuqhubeleni phambili injongo yalo kukunika inkathalo, inkonzo yempilo enobulunga nephendulayo isebe liya:
kongamela njalo ukuzalisekiswa koyilo olubanzi lokulawula iHIV/AIDS ngoncedo nentsebenziswano yamanye amasebe kunye nabantu;
kuqhubekeka ukomeleza ulungiselelo lwenkonzo yempilo enovelwano nobulunga kuzo zonke izigulana nezifo eziqhelekileyo kwiphondo;
kulungisa ngokufanelekileyo iimpembelelo zobuhlwempu nezempilo;
kusebenza ngokufanelekileyo ngexesha likaxakeka kwaye linciphise amaxesha okusabela ngokwandisa iqela leenqwelo zezigulana nge-100 leeyunithi, iinqwelo zokuxhasa uxakeka nge-121 kunye neqela leendawo zeenqwelo zezigulana nge11 ngoMatshi wowama-2006;
kunciphisa ixesha lokusabela kwiiNkonzo zokuSindisa ZoNyango ngexesha likaXakeka kwiindawo ezisezidolophini zibe ngaphantsi kwemizuzu engama-60 kuze kwindawo ezisemaphandleni zibe ngaphantsi kwemizuzu eli-120 ukuqalela ngomhla wama-31 ngMatshi wama-2006;
kuphucula ngokuzingileyo ukufikelela kwezigulana kwiinkonzo zempilo ngelona xesha lifutshane xa kunokwenzeka a Ngokunciphisa amaxesha okulinda akumgangatho oboniswe esidlangalaleni kumancedo ezempilo;
b Ngokunciphisa amaxesha okuhamba ukusuka kwiindawo zabo zokuhlala
Iiyure ezi-4 kufika kwisibhedlele esisembindini
Iiyure ezi-3 ukufuka kwisibhedlele somgangatho wesithathu
Iiyure ezi-2 ukufika kwisibhedlele sesithili kunye
Isebe liya komeleza ulawulo ngokuphathelele kwiinkonzo elizinikezelayo, ukuququzelela okufanelekileyo kokuthatha inxaxheba koluntu nokuqinisekisa ukuba onke amancedo anenkqubo yezikhalazo ezimisiweyo.
EZEMPILO: Ulwazi
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
EZEZINDLU
Ilungu leSebe lombuso olawulayo likaRhulumente wasekhaya, iimiCimbi yeMveli neZindlu
Imbono "Sihlangene sinnceda bonke abanmtu bazihlalise ngokwabo" nokuba negunya lokuququzelela ulungiselelo lwezindlu ezaneleyo zoluntu kwiphondo isebe lizibophelela ukuba liya kususa iindawo ezinezindlu ezimdaka KwaZulu Natala njengejongo engxamisekilayo. Oku kufuneka kwenziwe kwiminyaka emithandathu.u Amaphulo okususa amatyotyombe ali-15/iindawo ezinezindlu ezimdaka sele livunyiwe kulo nyaka-mali ukhoyo. Kuchongwe iTheku, iPietrmaritzburg, iNewcastle nakwaDukuza njengeendawo zokuqalisa lo msebenzi;
kuphuhlisa ngpokukhawuleza izindlu kwiindawo ezisemaphandleni ukususela ngoku. Amaphulo ali-10 ezindlu zasemaphandleni ziya kugqitywa ngoMatshi wowama-2006;
kuyila amathuba ezindlu ezirentwayo njengenjongo ebaluleka ngokungxamisekileyo. Amaphulo ama-6 kuya kunikwa ingxelo ngawo ekupheleni kukaMatshi wowama200; kunye nokuqinisekisa ukuba amaphulo ezindlu ze-AIDS ezi-3 ziya gqitywa ekuhambeni kwalo nyaka-mali wangoku.
Isebe liya komeleza ulawulo ngokuphathelele kwiinkonzo elizinikezelayo, ukuququzelela okufanelekileyo kokuthatha inxaxheba koluntu.
EZEZINDLU: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
UNODYEBO WEPHONDO
ILungu leSebe loMbuso elilawulayo loPhuhliso lezoQoqoqsho nezeMali
Imbono "Ngowama-2014 uNondyebo wePhondo uya kuba ngumbindi wemisebenzi yoqoqosho oxhobisa abantu ngolawulo lwemali olunentsingiselo," isebe lilawula imicimbi yemali yePhondo kwaye lizibophelela:
Ekuqinisekiseni kokwabelwa okulinganayo kobutyebi nolawulo lwemali oluyintloko a ukulwa ubuhlwempu b ukuyila imisebenzi, noku c nciphisa isikhewu esiphakathi koqoqosho lokuqala nolwesibini
Kulawulo lobutyebi ngokunentsingiselo ngo a kushenxisa inkcitho engaphaya nokunciphisa ukudlula b ulawulo olufanelekileyo lwemali yengeniso ukuqukanisa nobuchule bokukhulisa isiseko sengeniso sephondo;
c kuzalisekisa isixokelelwano soqongqi-mali sokwenza esinqumlezayo
Kukhuliso loqoqosho ngocwangiso oluhlangeneyo nozaliso-mali lukarhulumente olujolise kukunikezelwa kwenkonzo namaziko akhoyo;
Kuphuculo lwezixokelelwano zolawulo lwemali olunentsingiselo kunye nobuchule ukuze amasebe noomasipala babe nakho ukuthobela ngokupheleleyo ulungiselelo lwePFMA kunye neMFMA;
Ekujoliseni kukwanda kweBEE esekelwe kububanzi ngokubonelela ngemigaqo emininzi yolawulo kwimigangatho yephondo nekamasipala;
Ekunikeni isikhokelo noncedo kumasebe nakoomasipala kwiindawo zolawulo ezisebenzisanayo, uphicotho-zincwadi langaphakathi kunye nolawulo lwemali ebhatalwa kwi-inshorensi;
Ekuzalisekiseni unyamezeloolungekhoyo kubuqhetseba norhwaphilizo kwaye lihlangene ne-ofisi yeNkulumnbuso liphuhlisa kwaye lizalisekisa ubuChule bokuLawula uRhwaphilizo noBuqhetseba.
Isebe lizibophelela ekunikeni ubunkokeli obunobuchule kulawulo lwephondo kwimimandla yolawulo lwemali , ulawulo lobutyebi nolawulo lokusebenzisana.
UNONDYEBO WEPHONDO: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
IMISEBENZI YOLUNTU
ILungu leSebe lombuso Olawulayo lweMisebenzi yoLuntu
Imbono " Kukuhlala bezinkokeli zorhwebo kulugiselelo lobutyebi boluntu namancedo ephondo laKwaZulu Natala ... SISEBENZISA , KUGUG; IFOSHOLO", Isebe liququzelela ukugcinwa kwezakhiwo zikarhulumente ukuqinisekisa ulungiselelo lweendawo zokuhlala ezisemthethweni. Isebe lizibophelela
Ekunikezeleni amagumbi okufundela ali-1500 phambi kokuphela konyaka-mali wowama2005/2006;
Ekugqibeni amagumbi angama-4000 kwiminyaka emi-3 ezayo;
Ekugqibeni iSizokelelwano soLawulo lweMpahla yobuMnini esimiselweyo esisebenza ngokupheleleyo ekufuneka sisebenze ngomeyi wowama-2006. Undoqo wegaba solwazi olugciniweyo lwesixokelelwano kufuneka luqalise ngoJuni wowama-2006; kwaye le sisigaba sokuqala senkqubo; kunye
IMISEBENZI YOLUNTU: Ulwazi lokuqhagamshelana
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
ILungu lesebe lombuso olawulayo lweNtlalo-ntle yoLuntu noPhuhliso lwaBantu
Imbono " Kukuphucula ukuzithemba, nophuhliso olugciniweyo kunye nokulwa nobuhlwempu" ngenkqubo yentlalo-ntle yoluntu equkanisiweyo iSebe lezeNtlalo-ntle kunye noPhuhliso lwaBantu liya:
Kuphuhlisa kwaye lizalisekise iinkqubo zentlalo-ntle zoluntu ezibanzi kunye neenkonzo ezisekelwe kuluntu ezihlangeneyo ezabantwana, ezolutsha, ezabafazi ezabakhubazekileyo, azabantu abadala, ezamaxhoba olwaphulo-mthetho kunye neentsapho zabo. NgoMatshi wowama-2006 abantu ababandakanyeka kukuxhotyiswa kwexhoba baya kucebisana ngokuphuhliswa kobuchule bokuxhobisa ixhoba lonqumlwano;
kunika ukufikelela kwabaxhasi bonke abalungeleyo ngokomthetho kuncedo lwentlalo. Ingxelo yekota zeenkqubana eziphantsi kokhuselo loluntu ziya kunikwa ulwazi loluntu kwaye kukomeleza ulawulo olufanelekileyo ngokuphathelele kwinnkozo ezilinikayo nokuququzelela ukuthatha inxaxheba efanelekileyo koluntu.
INTLALO-NTLE YOLUNTU NOPHUHLISO LWABANTU: Ulwazi lokuqhagamshelana
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
EZEMIDLALO NEZOLONWABO
ILungu lesebe lombuso elilawulayo lwezeMidlalo nezoLonwabo
Imbono " kukuyila iphondo eliphumelelayo ngokuthabatha inxaxheba ngokukhutheleyo kwezemidlalo nakwezolonwabo" kwaye ngegunya lokuphucula nokuphulisa ezemidalo nezolonwabo, iSebe lezeMidlalo nezoLonwabo lizibandakanya kwezi nkonzo zilandelayo:
Ukuphuhlisa imisebenzi yolonwabo kumaziko okulungiswa izimilo nakwiiNkonzo zokuLungiswa izimilo ukubuyiselwa kwimo yesiqhelo kuboni. Olu yilo sele lusenzeka;
Isebe lizibophelele ekomelezeni ulawulo ngpokuphathelele kweenkonzo ezinikezelayo nokuququzelela ukuthatha inxaxheba efanelekileyo koluntu.
EZEMIDLALO NEZOLONWABO: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
IMICIMBI KARHULUMENTE WASEKHAYA NEYEMVELI
Ilungu lesebe Lombuso olawulayo limiCimbi kaRhulumente waseKhaya leZindlu neyeMveli
Imbono "Kukuphucula ulawulo lwasekhaya olugciniweyo olujolise kubantu olukhuwulezayo ekunikezeleni iinkonzo nokuqinisekisa ukugcina uluntu lwasekhaya", iSebe lezemiCimbi kaRhuleumente waseKhaya neyeMveli uzibophelela kulo nyaka-mali kwezi zinto zilandelayo:
Ukuququzelela ulungiselelo lwenkonzo ezisisiseko ezisimahla koomasipala abangama-20 nokumisa amaziko olawulo lwentlekele yengingqi kwiigingqi zoomasipala abahlanu;
Ukuphuhlisa nokuzalisekisa inkqubo yokwakha ubuchule bokulawula basekhaya obunxulumene nokuthatha inxaxheba , ulawulo lwemali, ukuchasana norhwaphilizo nokuphucula ukunikezelwa kweenkonzo;
Ukuququzelela uphuhliso nokuhlola uYilo loPhuhliso oluHlangeneyo kwaye lulungelelaniswe noBuchule boPhuhliso nokuKhula bePhondo koomasipala abangama-61 kwiPhondo ;
Ukuguqula zonke izakhiwo zemveli ezikhoyo ngokuzilungellanisa nomthetho omtsha wamaziko emveli; kunye
Nokufumana abafundi abangama-400 kwiNkqubo yokuPhuhlisa abasebenzi boLuntu kwaye bamiswe kwiindibano-malungu kamongameli, iPhulolokuQinisa uMasipala kunye nezinye iindawo ezihlwempuzeke kakhulu.
Isebe lizibophelele ekomelezeni ulawulo ngpokuphathelele kweenkonzo ezinikezelayo nokuququzelela ukuthatha inxaxheba efanelekileyo koluntu.
IMICIMBI KARHULUMENTE WASEKHAYA NEYEMVELI: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
EZOTHUTHO
Ilungu lesebe lombuso olawulayo lezeoThutho, uKhuseleko loLuntu noManyano
Imbono "Impumelelo kukushukumiseka", isebe liphuhlisa kwaye lilawula izakhiwo zeendlela ezifanelekileyo zephondo ngokwakha, ngokugcina nokugcina ucwangco kumhamba-ndlela, uthuthololuntu nokhuseleko. Lizibandakanya phakathi kwezinye iinkonzo koku kulandelayo:
Ukwakha nokugcina iindlela ezikhuselekileyo;
Ukukhuthaza ukusetyenziswa okukhuselekileyo kweenkqubo ezikhuselekileyo zendlela oko kukuthi, imfundo, ukuqonda iimpembelelo, ukubandakanya izikolo, ukubandakanya iicawe nabantu noluntu luphela;
Ukuqinisekisa ukuba yonke imithetho yomhamba-ndlela iyathityelwa ngokumisa abahloli bohamba-ndlela beendlela;
Ukubandakanya abantu kwiinkqubo zokwenza izigqibo ngeMibutho yoThutho eziNdleleni zaseMaphandleni, amaBhunga okhuseleko ezindleleni woLuntu, imibutho yabantu abahla benyuka nemibutho yoonoteksi;
Ukusebenzisa uthutho ukuvula iindawo ezikhoyo ezinamandla akhoyo ophuhliso, umzekelo ezolimo, ukhenketho njalo njalo;
Ukuphucula isixokelelwano sothutho soluntu ukulungiselela abantu abahla benyuka ngezithuthi ezikhuselekileyo zendlela, namancedo okufaka kudidi lokhuseleko, ukuhlaziywa kweziporo zikaloliwe zesebe, kunye
Nokusebenzisa zonke iinkqubo nezivumelwano ukulungisa ingxaki yobuhlwempu neyophuhliso lwezoqoqosho neemfuno zoluntu.
EZOTHUTHO: Ulwazi loqhagamshelwano
Isebe lizibophelele ekomelezeni ulawulo ngpokuphathelele kweenkonzo ezinikezelayo nokuququzelela ukuthatha inxaxheba efanelekileyo koluntu.
EZEMIDLALO NEZOLONWABO: Ulwazi loqhagamshelwano
ISebe eliyiNtloko:
Idilesi yendawo yokuhlala:
Idilesi yokuposela:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-imeyile:
